ISEBE LECANDELO LEZIKHALAZO ELIZIMELEYO
INCWADANA YECANDELO LEZIKHALAZO ELIZIMELEYO NGOKUNGQINELANA NECANDELO LE-14 LOKUKHUTHAZA ILUNGELO LOKUFIKELELA KUMTHETHO WOLWAZI, KA-2000 (UMTHETHO WESI-2 WAMA-2000)
IKHUTSHWE LIGOSA LOLWAZI LECANDELO LEZIKHALAZO ELIZIMELEYO (ICD ngamafutshane kolwasemzini)
INTSHAYELELO
Icandelo le-14 lokuKhuthaza iLungelo lokufikelela kumThetho woLwazi lithi phakathi kwezinye izinto, igosa lolwazi leqela likawonke-wonke malibhale phantsi incwadana ngokubhekiselele kwiqela likawonke-wonke lalo emva kokuqalisa kweli candelo. Eli gatya, phofu liya kuba phantsi kwalo naluphi na ulwandiso lwexesha olunikwe ngumPhathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko elingokubhalwa phantsi nokupapashwa kwencwadana enjalo kwiGazethi kaRhulumente.
Ukupapashwa kwale ncwadana yeCandelo leZikhalazo Elizimeleyo kusebenzela ukuqinisa amagatya eli candelo le-14 selixeliwe, kwaye kukwaqinisa nelungelo lomntu lomgaqo-siseko lokufikelela kulwazi , lungelo elo eliphethwe liCandelo leZikhalazo Elizimeleyo elifunelwa ukusetyenziswa okanye ukhuselo lwawo nawaphi na amalungelo akhe.
Ukwakhiwa
I-ICD lisebe likazwelonke lombuso kwaye lakhiwe kwinqanaba likazwelonke nakwelephondo ngokunjalo. I-ICD ke iphethwe kuzwelonke ngumPhathi oLawulayo ukuze kwiphondo ibe yiNtloko yePhondo. IiNtloko zamaPhondo ze-ICD zinika ingxelo kwaye ziphantsi kolawulo lomPhathi oLawulayo.
UmPhathi oLawulayo wonyulwa ngumPhathiswa wezoKhuselo noKhuseleko ngokwenkqubo emiswe ngumPhathiswa ngokubonisana neeKomiti zePalamente (Zezikhundla). Abanye abasebenzi be-ICD ngabantu abonyulwe ngumPhathi oLawulayo ngokubonisana nomPhathiswa wezoKhuselo noKhuseleko phantsi kwemithetho ephethe inkonzo kawonke-wonke kwaye abanye abantu abanjalo abathunyelwe okanye abatshintshelwe kwi-ICD.
Inombolo yefowuni: 392 0400
Iidilesi zezitalato nezeposi nezinye iinkcukacha zoqhakamshelwano zee-ofisi zamaphondo zezi zilandelayo:
Inombolo yefowuni 838 2875/6
Ntshona Koloni:
Inombolo yefowuni 426 0700
Inombolo yefowuni 421 667/8
Inombolo yefowuni 305 8370
Mpumalanga:
Inombolo yefowuni 752 4316
Inombolo yefowuni 295 5561/5
Inombolo yefowuni 430 8100/0872
Mntla Koloni
Inombolo yefowuni 831 7390
Iphondo loMntla Ntshona:
Inombolo yefowuni 381 1490/1154
Ngokubhekiselele kukwakheka kombutho nendlela yokusebenza, i-ICD inamacandelo amabini angala;
a Ulawulo lwequmrhu kuqukwa neeNkonzo zequmrhu, iiNkonzo zasemThethweni, uLawulo loMthombo woLuntu, uLwazi loBuchwepheshe, Ezoqhakamshelwano, iiNkonzo zoLungiselelo, uPhicotho-ncwadi zemali lwangaphakathi noKhuseleko.
b Ulawulo lokusebenza, kuqukwa uPhando, iNdawo yokugcina iirejista, uBeko-sweni noPhuhliso uPhando.
Imisebenzi
Owona msebenzi uphambili negunya elimiswe ngokomthetho ngokwemigqaliselo yomThetho weNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika, umThetho we -68 wowe-1995 we-ICD, kukuqinisekisa ukuba izikhalazo ngokwamatyala nangokona okuthiwa kwenziwe ngamalungu eNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika i-SAPS ngamafutshane kolwasemzini naMapolisa eeNkonzo zikaMasipala weSixeko i-MPS ngamafutshane kolwasemzini aphandwa ngendlela echanekileyo nenempumelelo.
Uwiso-mthetho apha lujongise ekunikeni i-ICD uxanduva nemisebenzi yokongamela uluntu malunga neSAPS ebekubhekiswe kuyo kwicandelo 222 loMgaqo-siseko weXesha eliphakathi 1993. Eli candelo lithi " kuya kusekwa kwaye kumiselwe ngumThetho wePalamente inkqubo ezimeleyo phantsi kolawulo loluntu ngenjongo yokuqinisekisa ukuba izikhalazo malunga namatyala nokona okuthiwa kwenziwe ngamalungu eNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika aphandwa ngendlela echanekileyo nenempumelelo."
Ukuze la magunya nale misebenzi ibe yesebenzayo, i-ICD
a ingathi ngokuthanda kwayo okanye yakufumana isikhalazo, iphande nakuphi na ukona okuthiwa kwenziwe lilo naliphi ilungu le-SAPS okanye le-MPS kwaye, ingathi apho kufanelekileyo ilubhekise olo phando kuKhomishina okanye kwiNtloko Elawulayo.
c ingaphanda nawuphi na umbandela ekubhekiswe kuwo ngumPhathiswa woKhuselo noKhuseleko okanye ilungu lebhunga lephondo.
UmThetho woBundlobongela baseKhaya uthi ngaphandle kokuba i-ICD ibonisa ngolunye uhlobo nakweyiphi na imeko, i-SAPS kufuneka ifake inkqubo yoluleko lwalo naliphi na ilungu le-SAPS ekuthiwa loyisakele ukuthobela uxanduva ngokwemigqaliselo yomThetho woBundlobongela baseKhaya. Into ethwelwe leli gatya kukuba i-ICD kufuneka yenze umsebenzi owongeziweyo wokujonga izicelo zabafuna ukukhululwa bangalandeli iinkqubo zoluleko ezifunyenwe kwi-SAPS. Ngokwenza oku, i-ICD yenza umsebenzi wokuqinisekisa ukuba iinkqubo zoluleko azityeshelwa yi-SAPS kwiimeko apho iziko kufuneka lilandele loo nkqubo.
a I-ICD ayenzi nxalenye kwaye ayikho phantsi kweSebe loKhuselo noKhuseleko ihlala isiSigqeba soMbutho owahlukileyo nozimeleyo phakathi kweNkonzo kaWonke-wonke, naxa isabelana ne-SAPS ngalo mPhathiswa omnye- umPhathiswa woKhuselo noKhuseleko.
b I-ICD ineGosa loCalulo-mali layo umPhathi oLawulayo kwaye ulwabiwo-mali lwayo ilunikwa ngqo yiPalamente ngevoti eyahlukileyo.
IINKCUKACHA ZEGOSA LOLWAZI NESEKELA-GOSA LOLWAZI LE-ICD Icandelo 141b
Igosa lolwazi
Isikhundla : UmPhathi oLawulayo neNtloko yeSebe leCandelo leZikhalazo Elizimeleyo
Inombolo yefowuni : 392 0401
Xa kusithiwa iGosa loLwazi le-ICD, kuthethwa kwaye kuqukwa nawuphi na umntu osebenza kwesi sikhundla sixelwe ngasentla.
ISekela-Gosa lolwazi elonyuliweyo
Inombolo yefowuni : 392 0439
INKCAZELO NGENCWADANA ESISISKHOKELO EQULETHE ULWAZI OLUFUNWA NGABANTU ABANQWENELA UKUSEBENZISA NALIPHI ILUNGELO ELICAMNGCWE KUMTHETHO WOKHUTHAZO LELUNGELO LOKUFIKELELA KUMTHETHO WOLWAZI ICANDELO 141c
Inombolo yefowuni 484 8300;
IINKCUKACHA ZOKWENZA LULA ISICELO SOKUFUMANA INGXELO EBHALIWEYO YE-ICD, INKCAZO NGEENGONGOMA ZEENGXELO EZIGCINWE YI-ICD NEZINTLU ZEENGXELO EZIBHALIWEYO EZIGCINIWEYO NGENGONGOMA NGANYE ICANDELO 141d
Isicelo sokufikelela kwingxelo ebhaliweyo egcinwe yi-ICD kufuneka sibhalwe ngokuba umceli azalise iFomu ethi "Isicelo sokufumana iNgxelo ebhaliweyo ngeQela likaWonke-wonke", iFomu A, efumaneka-
a kwi-ofisi yeSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo enkcukacha zalo zoqhakamshelwano zixelwe kumhlathi 2.2 ngasentla; okanye b nakweziphi na ii-Ofisi zamaPhondo ze-ICD ezixelwe kumhlathi 1.1 kule ncwadana.
IFomu A ekukho kuyo ishedyuli yemali emiselweyo xa ufaka isicelo sokufumana ulwazi inamathelisiwe, kwaye iya kufuna umceli lowo-
a anike iinkcukacha ezaneleyo eziya kwenza igosa le-ICD lichonge-
i iingxelo ezibhaliweyo ezicelwayo;
b abonise ukuba yeyiphi na ifomu esebenzayo yokufumana ulwazi efunekayo;
c achaze ukuba ingxelo ebhaliweyo leyo ifunwayo ingaba ifunwa ngolwimi oluthile na;
e ukuba, ukongeza kwimpendulo ebhaliweyo, umceli unqwenela ukwaziswa ngesigqibo esimalunga nesicelo ngenye indlela, makayichaze loo ndlela kwaye nezo nkcukacha ngokunjalo;
f ukuba isicelo senziwa endaweni yomntu, kufuneka umceli angenise ubungqina obubonisa ukuba usenza ngabuni na isicelo eso, ukuze oko kube nokwanelisa kwiSekela-Gosa loLwazi.
Emveni kokugqiba ukwenza isicelo sakhe, umceli kufuneka-
a asithumele ngqo isicelo sakhe esibhaliweyo kwiSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo, njengoko kuphawulwe kumhlathi 2.2 wale ncwadana, kwidilesi okanye kwinombolo yefeksi okanye ngoqhagamshelwano ngekhompyutha; okanye b angenise isicelo sakhe kwi-ofisi yephondo ye-ICD ekufutshane iinkcukacha zoko zixeliwe kumhlathi 1.1 wale ncwadana. Kwimeko enjalo i-ofisi yephondo ye-ICD iya kuthi yakufumana isicelo, inike umceli iphetshana irisithi elibonisa ukuba isicelo sifikile kwi-ofisi leyo.
Umceli othi ngenxa yokungakwazi ukubhala nokufunda okanye ngenxa yokulimala angakwazi ukwenza isicelo sokufumana ingxelo ebhaliweyo ngendlela echazwe kwimihlathi 4.1.2 & 4.1.3 yale ncwadana, angasenza isicelo ngomlomo. Umceli onjalo angasenza isicelo sakhe somlomo -
a kwiSekela-Gosa loLwazi; okanye b kwiNtloko yePhondo okanye kosesikhundleni kwi-ofisi yephondo ngokucelwa ngumceli ngenjongo yokwenza eso sicelo somlomo.
ISekela-Gosa loLwazi liya kusibhala phantsi eso sicelo lize linike umceli ikopi yaso. Ukuba umceli usenze isicelo sakhe kwiNtloko yePhondo ecamngcwe kumhlathi 4.1.4 (b) wale ncwadana, iNtloko yePhondo leyo iya kusibahla phantsi isicelo eso ize inike umceli ikopi.
Ukuba umceli wazisa iSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo, apho kufuneka njalo okanye iNtloko yePhondo okanye osesikhundleni , ukuba unqwenela ukwenza isicelo kwi-ICD sokufumana ingxelo ebhaliweyo, iGosa loLwazi elonyuliweyo liya kumnika simahla olo ncedo umceli njengoko kuyimfuneko ukwenzela umceli abe nokuthobela imihlathi 4.1.1 & 4.1.2 yale ncwadana.
Ukuba kuthe xa kufunyanwa isicelo, kwafumaniseka ukuba isicelo eso somceli besimele ukwenziwa kwelinye iqela likawonke-wonke, iSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo-
a liya kunika olo ncedo njengoko kufuneka ukwenzela ukuba umceli akwazi ukwenza isicelo kwiGosa loLwazi leqela likawonke-wonke elifanelekieleyo; okanye b liya kudlulisa isicelo kwigosa lolwazi lokugqibela, nayiphi na ke kwezi eya kwenza ukuba isicelo sihoywe kwakamsinyane.
Ukuba umceli wenze isicelo sokufumana ulwazi esingahambelaniyo nemihlathi 4.1.1 & 4.1.2 yale ncwadana, iSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo alisayi kusikhaba isicelo ngenxa yokuba kungathotyelwanga loo mihlathi ngaphandle kokuba iSekela-Gosa loLwazi elonyuliweyo-
a limazisile umceli ngenjongo yokusikhaba isicelo kwaye lachaza kwisaziso i izizathu zokusikhaba isicelo; kwaye ii igosa lolwazi elonyuliweyo okanye elinye igosa elichongwe ligosa lolwazi elonyuliweyo liya kuncedisa umceli ukuze enze isicelo kwifomu yokuba isicelo singakhatywa;
b limnikile umceli ithuba elaneleyo ukuba afune uncedo olunjalo;
c ukuze kangangoko linike umceli naluphi na ulwazi, kuqukwa ulwazi ngeengxelo ezibhaliweyo ngaphandle kolwazi ekunokuthiwa ngalo isicelo sikhatywe ngokwemigqaliselo yalo naliphi igatya leSahluko 4 seSiqendu 2 somThetho ezigcinwe yi-ICD ezihambelana nesicelo eziya kunceda ekwenzeni isicelo kuloo fomu; kwaye d linike umceli ixesha elaneleyo ukuba aqinisekise isicelo okanye asijike ukuze singqinelane nemihlathi 4.1.1 & 4.1.2 kule ncwadana.
Iingongoma ekugcinwe iingxelo zazo yi-ICD nezintlu zeengxelo ezibhaliweyo ngalo ngongoma
INGONGOMA EKUGCINWE INGXELO NGAYO
A ULAWULO LWEQUMRHU
Ukuphatha a Ulawulo loMthombo woLuntu bOkuxhasayo: Ulungiselelo cOkuxhasayo:Indawo yogcino lweerejista d Okuxhasayo: Ukhuseleko e Ulwazi lobuchwepheshe e Uphicotho-ncwadi zemali lwangaphakathi
Ulawulo lwezemali a Ezemali
Iinkonzo zasemthethweni a Iinkonzo zasemthethweni
B ULAWULO LWEMISEBENZI
a Indawo yokugcina iirejista zezikhalazo b Ubeko-sweni nophuhliso c Uphando d I-ofisi yomPhathi oLawulayo f Iinkqubo ezizodwa
IZINTLU ZEENGXELO EZIBHALIWEYO
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwizibhengezo;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele ekufumaneni abantu abatsha;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqeqesho;
d Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuphononongo lwabasebenzi;
e Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kudliwano-ndlebe obeluqhutyelwa isithuba esikhoyo somsebenzi;
f Iingxelo ezibhekiselele kwinyathelo loluleko ebelithathwe ngenxa yabaqeshwa;
g Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwizikhalazo ezifakwe ngabaqeshwa;
h Iingxelo ezibhaliweyo malunga nabasebenzi;
i Iingxelo ezibhaliweyo zefayili yomsebenzi ngamnye.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele ekuthengweni kwempahla karhulumente;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kulungiselelo lwenkxaso;
c Iingxelo ezibhekiselele kuthutho olusesikweni/olusemthethweni.
a La alandelayo ngamanqanaba amane eengxelo ezibhaliweyo ezihleliweyo:
b Iingxelo ezibhaliweyo zeembalelwano ezingenayo neziphumayo.
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuxabiso lwabasebenzi.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kukhuseleko loLwazi loBuchwepheshe i-IT
b Iingxelo ezibhaliweyo ngemigaqo yoLwazi loBuchwepheshe;
a Iingxelo ezibhaliweyo zohlolo nophengululo lolawulo lwangaphakathi;
c Iingxelo ezibhaliweyo zokuqhakamshelana neKomiti yoPhicotho-ncwadi zemali;
d Iingxelo ngoPhicotho-ncwadi zemali a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele ekuthengiseni i-ICD;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwintungelwano;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqhakamshelwano lwangaphakathi;
d Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqhakamshelwano lwangaphandle;
e Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kukumiswa kwezendaba.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwimivuzo;
c Iingxelo ezibhekiselele kwiitshekhi ezihlawulweyo;
d Iingxelo ezibhaliweyo zocalulo-mali;
e Iingxelo ezibhaliweyo zolwabiwo-mali;
f Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kunxibelelwano neNdawo yogcino-mali kaZwelonke noMphicothi-ncwadi zemali Jikelele.
a Iingxelo ezibhaliweyo zezimvo/ zeengcebiso zasemthethweni ezinikiweyo;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kumaxwebhu engxoxo angeniswe kwiiKomiti zeZikhundla ezisemxholweni;
d Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kumagqabantshintshi amalunga noqulunqo lowiso-mthetho olusemxholweni;
f Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kunxibelelwano phakathi komPhathi oLawulayo nomPhathiswa woKhuselo noKhuseleko, uKhomishina kaZwelonke weNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika , umPhathi kaZwelonke woTshutshiso luka-wonke-wonke kunye nabo banebango;
g Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwimbalelwano noqhakamshelwano neGqwetha loMbuso, uMcebisi woMbuso wezomThetho neeNkonzo zasemThethweni zeeNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika nezikaMasipala;
i Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuMxokelelwano oPhezulu woLawulo noMxokelelwano oPhezulu woPhuhliso loLawulo;
j Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kumangalelwano olubandakanya i-ICD;
l Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwizicelo zamagunya okugcina ucwangco;
m Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kupapasho lweBhulethini yoLwazi;
n Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele ekuqhutyweni nasekulawulweni koNdlunkulu wethala leencwadi;
Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele ekuqulunqweni ngokutsha komThetho weeNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuhlelo nobhaliso lwezikhalazo ezifunyenweyo;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kulwabiwo lweefayili zophando nezobeko-sweni;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqikilelo-manani lwamatyala;
e Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwimisebenzi yokuhlala ulindile noMgaqo-nkqubo wokuhlala ulindile.
b Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuphando olwenziweyo;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwindima ye-ICD kuphumezo loMthetho woBundlobongela baseKhaya;
d Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqeqesho lweentlola.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuphando lolwaphulo-mthetho oluqhubekayo;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kuqeqesho lwabaphandi;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga namanqaku eendaba e-ICD;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kumatyala akwizinga eliphezulu;
d Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga neengcebiso;
e Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga nolwabiwo-mali lwe-ofisi yoMphathi Olawulayo;
g Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga nezigqibo zeentlanganiso zabalawuli abaphezulu;
h Iingxelo ezibhaliweyo ezibhekiselele kwabanebango belizwe jikelele;
i Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga nababhaleli bangaphandle ezisayinwe nguMphathi Olawulayo.
a Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga neHIV/uGawulayo;
b Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga nesini;
c Iingxelo ezibhaliweyo ezimalunga nokulimala;
d Iingxelo ezimalunga neNkqubo ngoMsebenzi onguMncedisi.
ISAZISO SAMVA, NGOKWEMIGQALISELO YECANDELO 15 2, NGOKUBHEKISELELE KWIZINTLU ZEENGXELO EZIBHALIWEYO ZE-ICD EZIFUMANEKAYO NGAPHANDLE KOKUBA UMNTU ADE ABE WENZE ISICELO SOKUFUMANA ULWAZI NGOKWEMIGQALISELO YOMTHETHO ICANDELO 141e
Njengokuba iGosa loLwazi le-ICD, ngokwemigqaliselo yecandelo 15 , lingekangenisi kumPhathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko inkcazo yezintlu zeengxelo ezibhaliweyo ze-ICD ezifumanekayo umntu engenzanga sicelo sokufumana ulwazi ngokwemigqaliselo yomThetho, ngoko ke, umPhathiswa lowo oxeliweyo naye, ngokwemigqaliselo yecandelo 15 akakayipapashi ngohlobo lwesaziso loo nkcazo kwiGazethi. Phofu ke, iinkcukacha ngokumalunga nesaziso esinjalo ngokwemigqaliselo yecandelo 15 iya kupapashwa kwincwadana ye-ICD ehlaziyiweyo ngoFebhruwari 2004.
Uphando lwezikhalazo ezifunyenwe kumalungu kawonke-wonke ezimalunga nokona okanye ityala elithathwa njengelenziwe lilo naliphi ilungu le-SAPS okanye le-MPS: Makube izikhalazo ezinjalo zinobungqina.
Ingxelo enikwa rhoqo abakhalazi ngokubhekiselele kwinkqubela-phambili eyenziweyo malunga nophando oluxelwe ngasentla.
Ukunika iinkonzo zokulamla ukuba kuceliwe oko okanye apho kufanelekileyo kuloo malungu kawonke-wonke aye ahlangana neengxaki ezinxulumene nenkonzo kwi-SAPS namalungu e-SAPS abandakanyekayo.
Uphando olubekwe phambili lwezikhalazo ezifunyenwe kumaxhoba obundlobongela basekhaya (okanye abanye abakhalazi abafanelekileyo) apho kuthiwa amalungu e-SAPS okanye e-MPS akakhange athobele iimfanelo ngokwemigqaliselo ye-DVA.
Ukuqhutywa kweenkqubo zomqaphela kubhekiswe kumalungu kawonke-wonke, ingakumbi ngexesha leVeki yoGqalo yeMbizo, iintsuku ezili-16 zeNtshukumo yokuchasa uBundlobongela obenziwa kubafazi, usuku lokuphola nosuku lweLizwe jikelele lwabalimeleyo,
Ukuthatha inxaxheba kumaphulo karhulumente ajolise ekukhuthazeni umqaphela weHIV/uGawulayo, imibandela yolutsha namalungelo abantwana nawabo balimeleyo, ukunqanda kukarhulumente kolwaphulo-mthetho olujolise ebafazini nasebantwaneni ngokuba kuphuculwe ulwazi lukawonke-wonke ngemibandela ebhekiselele kulingano ngokwesini namalungelo abafazi kwaye kucinywe/kususwe zonke iintlobo zokuhlutshwa, kuqukwa nokuhlutshwa ngesini nangobuhlanga.
INDLELA YOKUFIKELELA KWEZO NKONZO
Naliphi ilungu likawonke-wonke, kuqukwa ilungu leeNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika okanye zikaMasipala likhululekile ukuxela kwi-ICD kwii-ofisi zayo ezikufutshane ezixelwe kumhlathi 1.1 wale ncwadana nakuphi na ukubhubha komntu okunxulumene nepolisa kwaye nenyathelo elithathwa njengolwaphulo-mthetho okanye ukona okwenziwe lilungu leeNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika okanye zikaMasipala .
Amalungu kawonke-wonke akwakhululekile ukungenisa izikhalazo kwi-ICD kwii-ofisi zayo ezikufutshane ezixelwe kumhlathi 1.1 wale ncwadana ezimalunga nenkonzo engekho mgangathweni edluliswa ziiNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika nezikaMasipala
Amaxhoba obundlobongela basekhaya aye axela kwiiNkonzo zaMapolisa zaseMzantsi Afrika okanye zikaMasipala izenzo zobundlobongela basekhaya enzenziwe kubo kwaye ke ngoku ayaqonda okanye akrokrela ukuba elo lungu okanye amalungu ebekuxelwe kuwo ezo zenzo akakuthobeli oko amele kukwenza ngokwemigqaliselo yomThetho woBundlobongela baseKhaya, angakuxela oko kungathobeli uxanduva lwabo kwi-ICD kwii-ofisi zayo ezikufutshane ezixelwe kumhlathi 1.1 wale ncwadana.
Amaxhoba obundlobongela basekhaya akhululekile ukuxela ngqo kwi-ICD ezo zenzo zobundlobongela zenziwe kubo.
INKCAZO YALO NALUPHI NA ULUNGISELELO LOMNTU OZA KUVAKALISA INTETHO OKANYE ATHATHE INXAXHEBA OKANYE ABE NEGALELO EKWENZIWENI KOMGAQO-NKQUBO OKANYE EKUSETYENZISWENI KWAMAGUNYA OKANYE KUKWENZIWA KOMSEBENZI YI-ICD ICANDELO 14 1 g.
INKCAZO YEENDLELA ZONCEDO EZIFUMANEKAYO MALUNGA NESENZO OKANYE UKOYISAKALA KWE-ICD ICANDELO 141h.
Ezi zilandelayo ziindlela zoncedo ezifumanekayo:
Kwimeko yesenzo okanye yokoyisakala ukwenza kweGosa loLwazi le-ICD ngokwemigqaliselo yalo mThetho,-
Umceli ngokwemigqaliselo yecandelo 74 , angafaka kwi-ICD isibheno sangaphakathi esichasene nesigqibo seGosa loLwazi -
a sokukhaba isicelo sokufumana ulwazi; okanye b esithathwe ngokwemigqaliselo yecandelo 22 oko kutsho isigqibo esimalunga nokuhlawulwa ngumceli kwemali eyidiphozithi yokufumana ulwazi , 261 oko kutsho ukwandisa ithuba leentsuku ezingamashumi amathathu apho iGosa loLwazi kufuneka lenze isigqibo sokuvuma okanye sokungavumi isicelo sokufumana ulwazi okanye 293 oko kutsho isigqibo sokunganiki imvume yokufikelela kwingxelo ebhaliweyo ekwifomu ecelwe ngumceli, ngokunxulumene naloo mceli kumPhathiswa woKhuselo noKhuseleko.
Iqela lesithathu, ngokwemigqaliselo yecandelo 74 , lingafaka isibheno sangaphakathi esingokuvuma isicelo sokufumana ulwazi esichasene nesigqibo seGosa loLwazi le-ICD kumPhathiswa woKhuselo noKhuseleko.
Umceli okanye iqela lesithathu ekubhekiswe kulo kwicandelo 74 (jonga kwimihlathi 8.1.1 & 8.1.2 yale ncwadana) angenza isicelo enkundleni ukuze akhululwe ngokufanelekileyo emveni kokuba umceli okanye iqela lesithathu ekwenze konke okusemandleni malunga nenkqubo yesibheno sangaphakthi sokuchasa isigqibo seGosa loLwazi le-ICD.
Kwimeko yesenzo okanye yokoyisakala kwe-ICD ekwenzeni imisebenzi yayo ecamngcwe kumhlathi 1.2 wale ncwadana-
Umkhalazi okanye ummangali ngokuxhomekeka kwiimeko apho i-ICD yenze okanye yoyisakeleyo ukwenza kwaye nangokuxhomekeka kwiziphumo okanye umonakalo oviwe ngummangali ngenxa yesenzo esinjalo okanye ngokoyisakala ukwenza, angafaka isimangalo solwaphulo-mthetho kwiNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika emangalela ilungu labasebenzi be-ICD elithe lenza ngokomhlaba elinawo kwingqesho, okanye angathatha inyathelo lembambano ngomonakalo owenziwe yi-ICD.
Umntu onqwenela ukuthintela i-ICD ukuba yenze ngendlela ethile okanye ukuthintela i-ICD ukuba ingoyisakali ukwenza imisebenzi yayo, angenza isithintelo kwiNkundla ePhakamileyo yaseMzantsi Afrika enqanda i-ICD ukuba ingenzi nto okanye eyalela i-ICD ukuba yenze.
Umntu, kwelinye icala onqwenela ukukhalazela isenzo okanye izenzo ze-ICD okanye ukoyisakala kwayo ukwenza, angafaka isikhalazo sakhe kwi-ofisi yoMkhuseli kaWonke-wonke.
